14. ndibuyise ukuthinjwa kweYiputa, ndiwabuyise elizweni lasePatrosi, ezweni lokuvela kwawo, abe sisikumkani esiphantsi khona.
15. Ezikumkanini aya kuba sesiphantsi, angabi saziphakamisa ngokwawo phezu kweentlanga; ndiwancìphise, ukuze angazinyatheleli phantsi iintlanga.
16. Akayi kuba saba yinkoloseko yendlu kaSirayeli, ekhumbuza ubugwenxa ngokubheka kwayo kuwo; ázi ukuba ndiyiNkosi uYehova.
17. Kwathi ngomnyaka wamashumi omabini anesixhenxe, ngenyanga yokuqala, ngolokuqala enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, Nyana womntu,