Uhezekile 29:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngomnyaka weshumi, ngenyanga yeshumi, ngolweshumi elinesibini enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova kum lisithi,

2. Nyana womntu, bhekisa ubuso bakho kuFaro ukumkani waseYiputa, uprofete ngaye, nangeYiputa yonke iphela.

3. Thetha uthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Uyabona, ndikuchasile, Faro kumkani waseYiputa, ngwenya inkulu ibuthumileyo emijelweni yayo yoMnayile, itsho ukuthi, Ngowam umlambo, ndizenzele mna.

Uhezekile 29