Uhezekile 28:23-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Ndiya kuthumela kuyo indyikitya yokufa negazi ezitratweni zayo; bawe abangxwelerhiweyo phakathi kwayo likrele, eliyifikelayo ngeenxa zonke; bazi ukuba ndinguYehova.

24. Akuyi kuba sabakho meva anobuhlungu, naluviko lwenza buhlungu, kwindlu kaSirayeli, luphuma kubo bonke abangeenxa zonke kuyo, abayicukuleyo; bazi ke ukuba ndinguYehova.

25. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ekuyibutheni kwam indlu kaSirayeli, ezizweni abaphangalaliswe kuzo, ndiya kuzingcwalisela kubo emehlweni eentlanga, bahlale emhlabeni wabo, endawunika umkhonzi wam uYakobi.

Uhezekile 28