20. Kwafika ilizwi likaThixo kum, lisithi,
21. Nyana womntu, bhekisa ubuso bakho eTsidon, uprofete ngayo.
22. Yithi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Uyabona, ndikuchasile, Tsidon; ndiya kuzizukisa phakathi kwakho; bazi ukuba ndinguYehova, ekwenzeni kwam izigwebo kuyo, ndizingcwàlisele kuyo.