Uhezekile 27:16-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. UAram* warhwebelana nawe ngenxa yobuninzi bezinto ozenzayo, bakurholela iikarbhunkolo,* neengubo ezimfusa, nezimfakamfele, nelinen ecikizekileyo, nekorale,* neerubhi,* ngeempahla zakho.

17. ElakwaYuda nelizwe lakwaSirayeli belingabarhwebeli bakho; barhwebisana nawe ngengqolowa yaseMiniti nangemiqhathane, nangobusi, nangeoli, nangamafutha aqholiweyo.

18. IDamasko yarhwebelana nawe, ngenxa yobuninzi bezinto ozenzayo, ngenxa yobuninzi bobuncwane bonke, ngewayini yaseHelebhon nangoboya begusha obuqaqambileyo.

19. OoVedan noYavan waseUzali baye bekurholela intsimbi ekhandiweyo; ikasiya* nekalamo* bezisekurhwebeni kwakho.

20. UDedan ubengumrhwebeli wakho wezidwashu zokukhwela.

Uhezekile 27