3. ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndikuchasile, Tire. Ndiya kukunyusela iintlanga ezininzi, njengokuba ulwandle lunyusa amaza alo;
4. ziziqhuqhe iindonga zaseTire, zizigungxule iinqaba zakho ezinde. Ndolutshayela uthuli lwayo kuyo, ndiyenze ibe yingxondorha ebalelelwe lilanga.
5. Iya kuba yindawo yokwanekela iminatha phakathi kolwandle; ngokuba ndithethile, itsho iNkosi uYehova; ibe lixhoba leentlanga.
6. Namagxamesi ayo asemaphandleni aya kubulawa ngekrele; bazi ukuba ndinguYehova.
7. Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, iTire ndiya kuyizisela uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, evela entla, ukumkani wookumkani, enamahashe neenqwelo zokulwa, nabakhweli, nesikhungu sabantu, nabantu abaninzi.