Uhezekile 25:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

2. Nyana womntu, bhekisa ubuso bakho koonyana baka-Amon, uprofete ngabo,

3. uthi koonyana baka-Amon, Liveni ilizwi leNkosi uYehova. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba usithi kwingcwele yam, Tshotsho! ngokuba ihlanjelwe; nakumhlaba wakwaSirayeli, Tshotsho! ngokuba wenziwe kwaba senkangala; nakwindlu yakwaYuda, Tshotsho! ngokuba bathinjiwe:

4. ngako oko, yabona, ndikunikela koonyana basempumalanga, ukuba bamele kuwe, bamise iingqili zabo kuwe, benze neendawo zokuhlala kwabo kuwe. Bona baya kudla iziqhamo zakho, basele amasi akho.

5. Ndiya kuyenza iRabha ibe likriwa leenkamela, eloonyana baka-Amon ndilenze libe yindawo yokubutha kwemihlambi; názi ukuba ndinguYehova.

6. Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba ubethe esandleni sakho, wangqisha ngonyawo, wawuvuyela umhlaba wakwaSirayeli ngokucekisa komphefumlo:

7. ngako oko, yabona, ndisolula phezu kwakho isandla sam, ndikunikele ezintlangeni, ukuba ube lixhoba, ndikunqumle ezizweni, ndikwenze udake, ungabikho emazweni. Ndiya kukutshabalalisa; wazi ukuba ndinguYehova.

8. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba besithi ooMowabhi, noSehire, Yabonani, injengeentlanga zonke indlu yakwaYuda:

9. ngako oko, yabonani, ndivula icala likaMowabhi, ndithabathela emizini yakhe, kwesekupheleni kwakhe, eligugu lelizwe, iBhete-yeshimoti, neBhahali-mehon, ndise eKiriyatayim.

10. Ndolivulela oonyana basempumalanga, kunye neloonyana baka-Amon, ndibanike limiwe, ukuze bangabi sakhunjulwa ezintlangeni oonyana baka-Amon;

11. ndenzè izigwebo kwaMowabhi; bazi ukuba ndinguYehova.

Uhezekile 25