16. Nyana womntu, yabona, ndithabatha kuwe intánda yamehlo akho ngesibetho; uze ungambambazeli, ungalili; makungaphumi zinyembezi kuwe.
17. Gcuma uthe cwaka; uze ungenzi sijwili ngabafileyo. Jikela unkontsho lwakho, unxibe iimbadada zakho ezinyaweni zakho, ungazigqubutheli iindevu zakho eziphezu komlomo, ungasidli isonka sabantu.
18. Ndathetha ke nabantu kusasa; ngokuhlwa wafa umkam; ndenza ke ngengomso njengoko wayendiwisele umthetho ngako.
19. Bathi abantu kum, Akusixeleli na, ukuba ezi zinto zithini na kuthi, ukuba wenjenje?
20. Ndathi kubo, Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,