Uhezekile 24:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwafika ilizwi likaYehova kum ngomnyaka wesithoba, ngenyanga yeshumi, ngolweshumi enyangeni leyo, lisithi,

2. Nyana womntu, Zibhalele igama lale mini, layo yona le mini; ukumkani waseBhabheli uyishicilele iYerusalem ngayo yona le mini.

3. Uze uyizekelisele ngomzekeliso indlu eneenkani, uthi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Beka imbiza eziko, yibeke, kananjalo ugalele amanzi kuyo.

4. Hlanganisela kuyo iinyama zayo; zonke iinyama ezilungileyo, umlenze negxalaba; yizalise ngamathambo akhethiweyo.

5. Thabatha ezikhethiweyo zempahla emfutshane, kananjalo amathambo uwafumbele iinkuni ngaphantsi kwayo. Yibilise kakuhle; kananjalo amathambo ayo makaphekwe phakathi kwayo.

6. Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yeha, mzindini unamagazi! Mbizandini inomhlwa, emhlwa ungasukiyo! Yirhole inyama ngeenyama zayo; aliphumi nayo iqashiso.

7. Ngokuba igazi lawo liphakathi kwawo; úlibeké engxondorheni ebalelelwe lilanga; awuliphalazanga emhlabeni, ukuba liselelwe luthuli.

8. Ukuze kunyuke ubushushu, ukuze iphindezelwe impindezelo, igazi lawo ndilibeké engxondorheni ebalelelwe lilanga, ukuze lingaselelwa.

9. Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yeha, mzindini unamagazi! Nam ndiya kuyenza ibe nkulu imfumba yeenkuni.

10. Fumba iinkuni, khwezela umlilo, vuthisa inyama, ujiye umhluzi, atshe amathambo;

Uhezekile 24