45. Ke amadoda angamalungisa, wona ke aya kubagweba ngokwesiko labakrexezikazi, nangokwesiko labaphalazi begazi; ngokuba bengábakrexezikazi, zinegazi izandla zabo.
46. Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kubanyusela ibandla, ndibanikele ekunqakulweni nasekuphangweni;
47. ibandla libaxulube ngamatye, libasike ngamakrele alo. Liya kubabulala oonyana babo neentombi zabo, lizitshise izindlu zabo;
48. ndiwaphelise amanyala ezweni, bathethiseke abafazi bonke, bangenzi ngokwamanyala enu.