Uhezekile 23:41-45 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

41. wahlala esingqengqelweni esinobuqaqawuli, alungiselwa isithebe phambi kwaso, wabeka ke kuso isiqhumiso sam neoli yam.

42. Izwi lengxokolo latyondyoloza khona. Kumadoda aseluninzini loluntu kwaziswa abaseli basentlango, babafaka izacholo ezihlahleni zabo, nezithsaba zokuhomba ezintlokweni zabo.

43. Ndathi ke kulowo oselehagele ekukrexezeni, Ngokunje uhenyuzo lwakhe luya kukrexeza, lona ngokwalo.

44. Bamngena ke njengoko kungenwa ngako kumfazi olihenyukazi: benjenjalo ukumngena uNtente-yakhe, noNtente-yam-kuye, abo bafazi banamanyala.

45. Ke amadoda angamalungisa, wona ke aya kubagweba ngokwesiko labakrexezikazi, nangokwesiko labaphalazi begazi; ngokuba bengábakrexezikazi, zinegazi izandla zabo.

Uhezekile 23