35. Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba ùndilibele, wandiphosa emva komhlana wakho, ùya kuwathwala nokuwathwala amanyala akho nokuhenyuza kwakho.
36. Wathi uYehova kum, Nyana womntu, uza kubagweba na ooNtente-yakhe noNtente-yam-kuye? Báxelele ke amasikizi abo.
37. Ngokuba bakrexezile, izandla zabo zinegazi; bakrexezene nezigodo zabo; kananjalo oonyana babo, ababazalela mna, babacandisele kuzo, ukuba batshiswe ngumlilo.
38. Babuyé benza noku kum: bayenzé inqambi ingcwele yam kwangayo loo mini, bazihlambela iisabatha zam;
39. bakùzisikela izigodo zabo oonyana babo, bángena ke engcweleni yam kwangayo loo mini, ukuze bayihlambele; yabona benjenjalo endlwini yam phakathi.
40. Phezu koko bathuméle kumadoda avela kude, kwathunyelwa kuwo umthunywa; yabona, afika; wona lawo wàzihlambayo umzimba ngenxa yawo, waziqaba amehlo ngomsizi, wavathela wona izivatho zakho;
41. wahlala esingqengqelweni esinobuqaqawuli, alungiselwa isithebe phambi kwaso, wabeka ke kuso isiqhumiso sam neoli yam.