Uhezekile 23:27-42 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. Ndowaphelisa amanyala akho nokuhenyuza kwakho kwasezweni laseYiputa, ungabi sawaphakamisela amehlo akho kuwo, ungabi salikhumbula elaseYiputa.

28. Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndiya kukunikela esandleni sabo ubathiyileyo, esandleni sabo uncothukileyo kubo umphefumlo wakho.

29. Baya kukuphatha ngentiyo, bathabathe konke ukuxelenga kwakho, bakushiye uzé kanye, butyhileke ubuzé bokuhenyuza kwakho, namanyala akho, nokuhenyuza kwakho.

30. Kuya kwenzeka oko kuwe, ngenxa yokuhenyuza kwakho ekulandeleni iintlanga, ngenxa enokuba uzenzé inqambi ngezigodo zazo.

31. Ùhambé ngendlela yomsakwenu; ndoyinikela ke indebe yakhe esandleni sakho.

32. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ùya kuyisela indebe yomsakwenu, yona leyo inzulu, ibanzi; iya kuba yintlekisa nesigculelo, ngokuba inombilini omkhulu.

33. Ùya kuzala kukunxila nasisingqala; yindebe yakwankangala kankangala indebe yodade wenu uSamari.

34. Ùya kuyisela ke, uyifince, uwaqobe amagophe ayo, uzijece ngawo amabele; ngokuba ndithethile, itsho iNkosi uYehova.

35. Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba ùndilibele, wandiphosa emva komhlana wakho, ùya kuwathwala nokuwathwala amanyala akho nokuhenyuza kwakho.

36. Wathi uYehova kum, Nyana womntu, uza kubagweba na ooNtente-yakhe noNtente-yam-kuye? Báxelele ke amasikizi abo.

37. Ngokuba bakrexezile, izandla zabo zinegazi; bakrexezene nezigodo zabo; kananjalo oonyana babo, ababazalela mna, babacandisele kuzo, ukuba batshiswe ngumlilo.

38. Babuyé benza noku kum: bayenzé inqambi ingcwele yam kwangayo loo mini, bazihlambela iisabatha zam;

39. bakùzisikela izigodo zabo oonyana babo, bángena ke engcweleni yam kwangayo loo mini, ukuze bayihlambele; yabona benjenjalo endlwini yam phakathi.

40. Phezu koko bathuméle kumadoda avela kude, kwathunyelwa kuwo umthunywa; yabona, afika; wona lawo wàzihlambayo umzimba ngenxa yawo, waziqaba amehlo ngomsizi, wavathela wona izivatho zakho;

41. wahlala esingqengqelweni esinobuqaqawuli, alungiselwa isithebe phambi kwaso, wabeka ke kuso isiqhumiso sam neoli yam.

42. Izwi lengxokolo latyondyoloza khona. Kumadoda aseluninzini loluntu kwaziswa abaseli basentlango, babafaka izacholo ezihlahleni zabo, nezithsaba zokuhomba ezintlokweni zabo.

Uhezekile 23