Uhezekile 23:22-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Ngako oko, Ntente-yam-kuye, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndikuxhokonxela izithandane zakho, ezo uncothukileyo kuzo umphefumlo wakho; ndizizise phezu kwakho, zivela ngeenxa zonke:

23. oonyana baseBhabheli namaKaledi onke, abaveleli, izikhulu, iinduna, benoonyana bonke baseAsiriya, amadodana aluluhle, amabamba neerhuluneli, bonke bephela, nabaphathi-mikhosi, namaphakathi, bengabakhweli bamahashe bonke bephela.

24. Baya kukufikela benezikhali, neenqwelo zokulwa, neevili, benesikhungu sezizwe; babhekise kuwe iingweletshetshe namakhaka nezigcina-ntloko ngeenxa zonke. Ndolunikela kubo ugwebo, ukuba bakugwebe ngokwamasiko abo, ndikunìkele ebukhweleni bam,

25. bakuphathe ngobushushu. Baya kususa impumlo yakho neendlebe zakho, nento yakho eseleyo iwe likrele. Bona baya kuthabatha oonyana bakho neentombi zakho; nento yakho eseleyo itshiswe ngumlilo;

26. bakuhlube iingubo zakho, bazithabathe iimpahla zakho zokuhomba.

27. Ndowaphelisa amanyala akho nokuhenyuza kwakho kwasezweni laseYiputa, ungabi sawaphakamisela amehlo akho kuwo, ungabi salikhumbula elaseYiputa.

28. Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndiya kukunikela esandleni sabo ubathiyileyo, esandleni sabo uncothukileyo kubo umphefumlo wakho.

29. Baya kukuphatha ngentiyo, bathabathe konke ukuxelenga kwakho, bakushiye uzé kanye, butyhileke ubuzé bokuhenyuza kwakho, namanyala akho, nokuhenyuza kwakho.

30. Kuya kwenzeka oko kuwe, ngenxa yokuhenyuza kwakho ekulandeleni iintlanga, ngenxa enokuba uzenzé inqambi ngezigodo zazo.

31. Ùhambé ngendlela yomsakwenu; ndoyinikela ke indebe yakhe esandleni sakho.

32. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ùya kuyisela indebe yomsakwenu, yona leyo inzulu, ibanzi; iya kuba yintlekisa nesigculelo, ngokuba inombilini omkhulu.

Uhezekile 23