5. Abakufuphi nabakude kuwe baya kukucukuceza; ùnegama lobunqambi, unesaqunge esikhulu.
6. Yabona, izikhulu zakwaSirayeli, saseso ngokwengalo yaso, zibe zikuwe, ukuze ziphalaze igazi.
7. Uyise nonina babacukucezela kuwe; owasemzini bamcudisela esazulwini sakho; iinkedama nabahlolokazi babaxinzelela phantsi kuwe.
8. Iingcwele zam ùzidelile, neesabatha zam ùzihlambele.
9. Amadoda anentlebendwane abekuwe, ukuze aphalaze igazi; àdlela ezintabeni kuwe, enza amanyala esazulwini sakho.
10. Ubuzé booyise butyhilelwe kuwe; oyinqambi ngokuba nomzí bamdlwengulela kuwe.
11. Omnye wenza amasikizi nomfazi wommelwane wakhe; omnye umenza inqambi umolokazana wakhe ngobugqwirha; omnye udlwengula udade wabo, intomi kayise, kuwe.
12. Bamkela izicengo bekuwe, ukuze baphalaze igazi; wena udlé abantu ngemali, wathabatha inzala yemboleko; ùyamdla ummelwane wakho ngokucudisa; ùndilibele; itsho iNkosi uYehova.
13. Yabona, nditywakraza izandla zam ngenxa yenzuzo yakho embi oyizuzileyo, nangenxa yamagazi akho asesazulwini sakho.