29. Abantu belizwe elo bayacudisa, bayaphanga, baxinzelela phantsi usizana nehlwempu, bacudise owasemzini ngokungesesikweni.
30. Ndafuna kubo indoda engaba luthango phakathi, ime ethutyeni phambi kwam, ikhusele ilizwe elo, ukuze ndingalitshabalalisi; ke andiyifumani.
31. Ngoko ke ndithulula ubhavumo lwam phezu kwabo, ndibagqibele ngomlilo wokuphuphuma komsindo wam, ndibanike ngokwendlela yabo entlokweni yabo; itsho iNkosi uYehova.