Uhezekile 22:26-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Ababingeleli balo bayawugonyamela umyalelo wam, bazihlambele iingcwele zam; àbacaluli phakathi kokungcwele nokuhlambelayo, àbabonisi mahluko kokuyinqambi nokuhlambulukileyo; bayawafihla amehlo abo kwiisabatha zam, ndihlanjelwe esazulwini sabo.

27. Abathetheli balo esazulwini salo banjengeengcuka eziqwenga ixhoba, ukuba baphalaze igazi, batshabalalise imiphefumlo, ukuze bazuze inzuzo embi.

28. Abaprofeti bábatyabeka ngodaka olulephukayo, bebona imibono yenkohlakalo, bebahlabela izihlabo ezingamanga, besithi, Itsho iNkosi uYehova; kanti uYehova akathethanga.

29. Abantu belizwe elo bayacudisa, bayaphanga, baxinzelela phantsi usizana nehlwempu, bacudise owasemzini ngokungesesikweni.

Uhezekile 22