11. Omnye wenza amasikizi nomfazi wommelwane wakhe; omnye umenza inqambi umolokazana wakhe ngobugqwirha; omnye udlwengula udade wabo, intomi kayise, kuwe.
12. Bamkela izicengo bekuwe, ukuze baphalaze igazi; wena udlé abantu ngemali, wathabatha inzala yemboleko; ùyamdla ummelwane wakho ngokucudisa; ùndilibele; itsho iNkosi uYehova.
13. Yabona, nditywakraza izandla zam ngenxa yenzuzo yakho embi oyizuzileyo, nangenxa yamagazi akho asesazulwini sakho.
14. Intliziyo yakho iya kuma na? Izandla zakho ziya kuthi nkqi na, ngemihla endiya kukuphatha ngayo? Mna Yehova ndithethile, ndiya kwenza ke.
15. Ndiya kukuphangalalisela ezintlangeni, ndikuchithachithe emazweni, ndibugqibele ubunqambi bakho kuwe.
16. Wòzihlambela emehlweni eentlanga, wazi ukuba ndinguYehova.
17. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
18. Nyana womntu, indlu kaSirayeli isuke yaba ligwebu lentsimbi kum; bonke bephela baba lubhedu nebhekile nesinyithi nelothe, phakathi eziko; baba ligwebu lesilivere.
19. Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa yokuba naba ligwebu lentsimbi nonke niphela, ngako oko, yabonani, ndiya kunibutha esazulwini seYerusalem.
20. Njengokuhlanganiselwa kwesilivere nobhedu nesinyithi nelothe nebhekile phakathi eziko, ukuba umlilo uzifuthe, ukuze zinyibilike: ndiya kwenjenjalo ukunibutha ngomsindo wam, nangobushushu bam, ndinifake, ndininyibilikise.
21. Ndonifumba, ndifuthe umlilo wokuphuphuma komsindo wam kuni, ninyibilike phakathi kwawo.
22. Njengokuba isilivere inyibilikiswa phakathi eziko, niya kwenjenjalo ukunyibilikiswa phakathi kwayo; názi ukuba mna Yehova ndibuthulule ubushushu bam phezu kwenu.
23. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,