Uhezekile 22:1-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

2. Wena ke, nyana womntu, uza kuwugweba na? Uza kuwugweba na umzi wamagazi? Wazíse ke onke amasikizi awo.

3. Uze uthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Mzindini, ùphalaza igazi esazulwini sawo, ukuze lifike ixesha lawo, wenze izigodo kuwo ukuze ube yinqambi!

4. Ngegazi lakho olithululeyo uzeké ityala, nangezigodo zakho ozenzileyo uzenzé inqambi, wazisondeza iimini zakho, wafika eminyakeni yakho. Ngenxa yoko ndikwenza into yengcikivo ezintlangeni, nento yokucukucezwa kuwo onke amazwe.

5. Abakufuphi nabakude kuwe baya kukucukuceza; ùnegama lobunqambi, unesaqunge esikhulu.

6. Yabona, izikhulu zakwaSirayeli, saseso ngokwengalo yaso, zibe zikuwe, ukuze ziphalaze igazi.

7. Uyise nonina babacukucezela kuwe; owasemzini bamcudisela esazulwini sakho; iinkedama nabahlolokazi babaxinzelela phantsi kuwe.

8. Iingcwele zam ùzidelile, neesabatha zam ùzihlambele.

9. Amadoda anentlebendwane abekuwe, ukuze aphalaze igazi; àdlela ezintabeni kuwe, enza amanyala esazulwini sakho.

10. Ubuzé booyise butyhilelwe kuwe; oyinqambi ngokuba nomzí bamdlwengulela kuwe.

11. Omnye wenza amasikizi nomfazi wommelwane wakhe; omnye umenza inqambi umolokazana wakhe ngobugqwirha; omnye udlwengula udade wabo, intomi kayise, kuwe.

12. Bamkela izicengo bekuwe, ukuze baphalaze igazi; wena udlé abantu ngemali, wathabatha inzala yemboleko; ùyamdla ummelwane wakho ngokucudisa; ùndilibele; itsho iNkosi uYehova.

13. Yabona, nditywakraza izandla zam ngenxa yenzuzo yakho embi oyizuzileyo, nangenxa yamagazi akho asesazulwini sakho.

14. Intliziyo yakho iya kuma na? Izandla zakho ziya kuthi nkqi na, ngemihla endiya kukuphatha ngayo? Mna Yehova ndithethile, ndiya kwenza ke.

15. Ndiya kukuphangalalisela ezintlangeni, ndikuchithachithe emazweni, ndibugqibele ubunqambi bakho kuwe.

Uhezekile 22