1. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
2. Wena ke, nyana womntu, uza kuwugweba na? Uza kuwugweba na umzi wamagazi? Wazíse ke onke amasikizi awo.
3. Uze uthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Mzindini, ùphalaza igazi esazulwini sawo, ukuze lifike ixesha lawo, wenze izigodo kuwo ukuze ube yinqambi!
4. Ngegazi lakho olithululeyo uzeké ityala, nangezigodo zakho ozenzileyo uzenzé inqambi, wazisondeza iimini zakho, wafika eminyakeni yakho. Ngenxa yoko ndikwenza into yengcikivo ezintlangeni, nento yokucukucezwa kuwo onke amazwe.
5. Abakufuphi nabakude kuwe baya kukucukuceza; ùnegama lobunqambi, unesaqunge esikhulu.
6. Yabona, izikhulu zakwaSirayeli, saseso ngokwengalo yaso, zibe zikuwe, ukuze ziphalaze igazi.
7. Uyise nonina babacukucezela kuwe; owasemzini bamcudisela esazulwini sakho; iinkedama nabahlolokazi babaxinzelela phantsi kuwe.
8. Iingcwele zam ùzidelile, neesabatha zam ùzihlambele.
9. Amadoda anentlebendwane abekuwe, ukuze aphalaze igazi; àdlela ezintabeni kuwe, enza amanyala esazulwini sakho.
10. Ubuzé booyise butyhilelwe kuwe; oyinqambi ngokuba nomzí bamdlwengulela kuwe.