Uhezekile 21:31-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

31. Ndiya kuthulula phezu kwakho ubhavumo lwam. Ndiya kukubasela ngomlilo wokuphuphuma komsindo wam, ndikunikele esandleni samadoda azizityhakala, iingcibi ezonakalisayo.

32. Ùya kuba kukudla komlilo; igazi lakho liya kuba phakathi kwelizwe; akuyi kukhunjulwa; kuba mna Yehova ndithethile.

Uhezekile 21