25. Wena ke, mbulawa ungendawo, sikhulu sakwaSirayeli, umini yakho ifikileyo ngexesha lobugwenxa bokuphela, itsho iNkosi uYehova ukuthi,
26. Luya kususwa unkontsho, sithulwe nesithsaba; oko koko, namhla kunamhla; okuthobekileyo kuya kuphakanyiswa, okuphakamileyo kuya kuthotywa.
27. Ndiya kukuphenula ndikuphenule, ndikuphenule; kwanako oko akuyi kuba kuko, koda kufike lowo kukokwakhe ukugweba; ndikùnike yena.
28. Wena ke, nyana womntu, profeta uthi, Itsho iNkosi uYehova ngokusingisele koonyana baka-Amon, ngokusingisele kungcikivo lwabo, ukuthi, Ikrele, ikrele lirholelwe ukuba libulale; likhazimlisiwe ukuba lidle, ukuba libe njengombane.
29. Bekubonela inkohlakalo nje, bekuhlabela amanga nje, liya kukubeka ke ezintanyeni zabangendawo ababuleweyo, abamini iya kufika ngexesha lobugwenxa bokuphela.
30. Líbuyisele esingxotyeni salo. Endaweni odalelwe kuyo, ezweni lemvelo yakho, ndiya kukugweba.
31. Ndiya kuthulula phezu kwakho ubhavumo lwam. Ndiya kukubasela ngomlilo wokuphuphuma komsindo wam, ndikunikele esandleni samadoda azizityhakala, iingcibi ezonakalisayo.
32. Ùya kuba kukudla komlilo; igazi lakho liya kuba phakathi kwelizwe; akuyi kukhunjulwa; kuba mna Yehova ndithethile.