24. Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa yokukhumbuza kwenu ubugwenxa benu, ekutyhilekeni kwezikreqo zenu, ukuze zibonakale izono zenu ezintlondini zenu zonke; ngenxa yokukhunjulwa kwenu, niya kuxhakamfulwa ngesandla.
25. Wena ke, mbulawa ungendawo, sikhulu sakwaSirayeli, umini yakho ifikileyo ngexesha lobugwenxa bokuphela, itsho iNkosi uYehova ukuthi,
26. Luya kususwa unkontsho, sithulwe nesithsaba; oko koko, namhla kunamhla; okuthobekileyo kuya kuphakanyiswa, okuphakamileyo kuya kuthotywa.