Uhezekile 21:11-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Linikelwe ukuba likhazimliswe, liphathwe ngesandla; liloliwe ikrele elo, likhazimlisiwe elo, ukuba linikelwe esandleni sombulali.

12. Khala ubhomboloze, nyana womntu; ngokuba lithene mbende nabantu bam, lithene mbende nezikhulu zonke zakwaSirayeli; zizisulu zekrele kunye nabantu bam; ngako oko tywakraza ethangéni.

13. Ngokuba sekucikidiwe; hi, kothini na ukuba nentonga ecekisayo? Akuyi kuba njalo; itsho iNkosi uYehova.

14. Wena ke nyana womntu, profeta, utywakraze izandla; liphindwe okwesithathu ikrele, ikrele lababuleweyo; likrele lobuleweyo, lalowo mkhulu, elibarawulayo.

15. Ukuze intliziyo ithe amandla, zande izikhubekiso, ndiwamisele amasango abo onke ikrele elijikajikayo. Awu! Lenzelwe ukuba libe njengombane, lithiwe rhuthu ukuba libulale.

16. Tyekela ngasekunene, guqukela ekhohlo, apho lubhekisa khona uhlangothi lwakho.

17. Nam ndiya kuzitywakraza izandla zam, ndibupholise ubushushu bam, mna Yehova ndithethile.

18. Kwafika kum ilizwi likaYehova, lisithi,

19. Wena ke, nyana womntu, zimisele iindlela ezimbini, ukuze lize ngazo ikrele lokumkani waseBhabheli; maziphume zweni-nye zombini, ukrole umalathiso, uwukrole emantloko endlela yomzi.

20. Misa indlela, ukuze ikrele lifike eRabha yoonyana baka-Amon, nakwelakwaYuda, eYerusalem enqatyisiweyo.

21. Kuba ukumkani waseBhabheli umise ekwahlukaneni kweendlela, emantloko eendlela zombini, ukuze ahlabe isihlabo; uhlukuhla iintolo, ubuza kwimilondekhaya, ukhangela esibindini.

22. Esandleni sakhe sokunene isihlabo sihlabe iYerusalem, ukuze kumiswe izinto zokutyhomfa, uhlatywe umkhosi wokubulala, kuphakanyiswe izwi lokuduma, kumiswe izinto zokutyhomfa emasangweni, kufunjwe udonga lokungqinga, kwakhiwe iinqaba zokubonisela.

Uhezekile 21