Uhezekile 20:46-49 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

46. Nyana womntu, bhekisa ubuso bakho kwelasezantsi, uwise intetho usingise ezantsi, uprofete ngehlathi lelizwe lasezantsi;

47. uthi kwihlathi lelizwe lasezantsi, Live ilizwi likaYehova; itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndifaka umlilo kuwe, utshise kuwe wonke umthi omanzi, nawo wonke umthi owomileyo. Akuyi kucima dangatye lamadangatye; borhawuka ubuso babantu bonke, kuthabathele ezantsi kuse entla,

48. Yobona yonke inyama, ukuba mna Yehova ndiwubasile; awuyi kucinywa.

49. Ndathi, Awu! Nkosi Yehova, bathi ngam lo, Akenzi ngemizekeliso kodwa na?

Uhezekile 20