Uhezekile 20:17-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Koko laba nenceba iliso lam kubo, ukuba ndingabatshabalalisi, ndingabagqibeli entlango.

18. Ndathi ke koonyana babo entlango, Musani ukuhamba ngemimiselo yooyihlo, ningawagcini amasiko abo, ningazenzi iinqambi ngezigodo zabo.

19. Mna Yehova ndinguThixo wenu; hambani ngemimiselo yam, niwagcine amasiko am, niwenze;

20. nizingcwalise iisabatha zam, zibe ngumqondiso phakathi kwam nani, ukuze názi ukuba ndinguYehova uThixo wenu.

21. Basuka oonyana baba neenkani kum; àbahamba ngemimiselo yam, àbawagcina amasiko am ukuba bawenze, awothi umntu ewenzile aphile ngawo; bazihlambela iisabatha zam. Ndathi ke, ndiya kuthulula ubushushu bam phezu kwabo, ndiphelelisele umsindo wam kubo entlango.

22. Koko ndasibuyisayo isandla sam, ndenza ngenxa yegama lam, ukuba lingahlanjelwa emehlweni eentlanga, endabakhuphayo emehlweni azo.

23. Kananjalo ndabaphakamisela isandla sam entlango, ukuba ndibachithachithe ezintlangeni, ndibaphangalalisele emazweni;

24. ngenxa enokuba bengawenzanga amasiko am, bayicekisayo imimselo yam, bazihlambela iisabatha zam, amehlo abo alandela izigodo zooyise.

25. Nam ndabamisela imimiselo engabalungeleyo, namasiko abangenakuphila ngawo.

26. Ndabenza iinqambi ngezipho zabo, ekucandiseni kwabo emlilweni yonke into evula isizalo, ukuze ndibaphanzise; ukuze bazi ukuba ndinguYehova.

27. Ngako oko, thetha kwindlu kaSirayeli, nyana womntu, uthi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ooyihlo babuye bandinyelisa nangale nto, ekumenezeni kwabo ababemeneza ngako kum.

28. Kuba xenikweni ndabasayo ezweni endasiphakamiselayo isandla sam sokuba ndibanike lona, basuka bakhangela zonke iinduli ezinde, nemithi yonke ethe shinyi; bayibingelela khona imibingelelo yabo, banikela khona imisondezo yabo equmbisayo, babeka khona ivumba lamadini abo elithozamisayo, bathululela khona iminikelo yabo ethululwayo.

29. Ndathi ke kubo, Esi sigánga niya kuso siyintoni na? Igama laso ke kuthiwa, siSigánga, unanamhla.

30. Ngako oko yithi kwindlu kaSirayeli, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Nizenzé iinqambi ngendlela yooyihlo, nihenyuze ngokulandela izinto zabo ezinezothe nje;

31. nizenzé iinqambi ezigodweni zenu ngokunikela izipho zenu, nangokuba candisa emlilweni oonyana benu nanamhlanje; mna ndingábuzwa níni na, ndlu kaSirayeli? Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, andiyi kubuzwa níni, nakanye.

32. Loo nto ithe qatha emoyeni wenu, ayiyi kubakho nokubakho: leyo nithi, Siya kuba njengeentlanga, njengemizalwane yamazwe, silungiselele kwimithi namatye.

33. Ndihleli nje, inyaniso, itsho iNkosi uYehova, ngesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo, nangobushushu obuthululwayo, ndiya kuba ngukumkani phezu kwenu.

34. Ndonikhupha ezizweni, ndinibuthe emazweni enaphangalaliswa kuwo, ngesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo, nangobushushu obuthululwayo,

35. Ndiya kunísa kwintlango yezizwe, ndimangalelane nani, sikhangelane ebusweni;

Uhezekile 20