17. Koko laba nenceba iliso lam kubo, ukuba ndingabatshabalalisi, ndingabagqibeli entlango.
18. Ndathi ke koonyana babo entlango, Musani ukuhamba ngemimiselo yooyihlo, ningawagcini amasiko abo, ningazenzi iinqambi ngezigodo zabo.
19. Mna Yehova ndinguThixo wenu; hambani ngemimiselo yam, niwagcine amasiko am, niwenze;
20. nizingcwalise iisabatha zam, zibe ngumqondiso phakathi kwam nani, ukuze názi ukuba ndinguYehova uThixo wenu.
21. Basuka oonyana baba neenkani kum; àbahamba ngemimiselo yam, àbawagcina amasiko am ukuba bawenze, awothi umntu ewenzile aphile ngawo; bazihlambela iisabatha zam. Ndathi ke, ndiya kuthulula ubushushu bam phezu kwabo, ndiphelelisele umsindo wam kubo entlango.
22. Koko ndasibuyisayo isandla sam, ndenza ngenxa yegama lam, ukuba lingahlanjelwa emehlweni eentlanga, endabakhuphayo emehlweni azo.
23. Kananjalo ndabaphakamisela isandla sam entlango, ukuba ndibachithachithe ezintlangeni, ndibaphangalalisele emazweni;
24. ngenxa enokuba bengawenzanga amasiko am, bayicekisayo imimselo yam, bazihlambela iisabatha zam, amehlo abo alandela izigodo zooyise.
25. Nam ndabamisela imimiselo engabalungeleyo, namasiko abangenakuphila ngawo.
26. Ndabenza iinqambi ngezipho zabo, ekucandiseni kwabo emlilweni yonke into evula isizalo, ukuze ndibaphanzise; ukuze bazi ukuba ndinguYehova.
27. Ngako oko, thetha kwindlu kaSirayeli, nyana womntu, uthi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ooyihlo babuye bandinyelisa nangale nto, ekumenezeni kwabo ababemeneza ngako kum.