Uhezekile 20:14-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Koko ndenzáyo ngenxa yegama lam; ukuze lingahlanjelwa emehlweni eentlanga, endabakhuphayo emehlweni azo.

15. Kananjalo mna ndabaphakamisela isandla entlango, ukuba ndingàbasi ezweni endandibanikile, elibaleka amasi nobusi, liligugu kunamazwe onke;

16. ngenxa yokuba bawacekisáyo amasiko am, àbahamba ngemimiselo yam, bazihlambela iisabatha zam; ngokuba intliziyo yabo yazilandela izigodo zabo.

17. Koko laba nenceba iliso lam kubo, ukuba ndingabatshabalalisi, ndingabagqibeli entlango.

18. Ndathi ke koonyana babo entlango, Musani ukuhamba ngemimiselo yooyihlo, ningawagcini amasiko abo, ningazenzi iinqambi ngezigodo zabo.

Uhezekile 20