1. Wena ke, yenza isijwili ngezikhulu zakwaSirayeli, uthi,
2. Úyintoni na unyoko? Ingonyamakazi, ebuthume phakathi kweengonyamakazi, ewondlela amathole ayo phakathi kweengonyama ezintsha.
3. Yakhulisa elinye ematholeni ayo, laba yingonyama entsha, lafunda ukuqwenga iinyamakazi; ladla abantu.
4. Iintlanga zahlaba umkhosi ngalo, labanjiswa emhadini wazo; zalisa ezweni lamaYiputa, lifakwé amakhonkco.
5. Yakubona ingonyamakazi ukuba aliphumeleli, lidakile ithemba layo, yathabatha elinye ematholeni ayo, yalenza ingonyama entsha.