4. Yabonani, yonke imiphefumlo yeyam; umphefumlo woyise unjengomphefumlo wonyana, yeyam yomibini; umphefumlo owonayo, kuya kufa wona.
5. Umntu xa athe waba lilungisa, wenza ngokwesiko nangobulungisa;
6. akadlela ezintabeni, amehlo akhe akawaphakamisela kwizigodo zendlu yakwaSirayeli; umfazi wommelwane wakhe àkamenza inqambi, akasondela kumfazi enomzí;