9. Ke ndakuhlamba ngamanzi, ndakuhlambulula amagazi akho, ndakuthambisa ngeoli.
10. Ndakwambesa ngeengubo ezimfakamfele, ndakunxiba izixathula zesikhumba sehlengezi; ndakujikelisa intloko ngelinen ecikizekileyo, ndakugqubuthela ngesilika.
11. Ndakuvathisa ngesivatho, ndakufaka izacholo ezihlahleni, nemixokelelwane emqaleni wakho.
12. Ndakunika ikhonkco lempumlo, namajikazi ezindlebeni zakho, nesithsaba sokuhomba entloko.
13. Wavatha ke igolide nesilivere, nezambatho zakho zaba zezelinen ecikizekileyo, nezesilika, nezimfakamfele. Wadla umgubo ocoliweyo, nobusi, neoli; waba mhle kakhulu kunene, waya uphumelela ebukumkanini.
14. Lwaphuma udumo lobuhle bakho lwagqiba ilizwe lonke; ngokuba bapheleliseka bona ngobungangamela bam, endabubeka phezu kwakho; itsho iNkosi uYehova.
15. Wesuka wena wakholosa ngobuhle bakho, wahenyuza ngenxa yodumo lwakho; ubuhenyu bakho wabuthululela phezu kwabo bonke abadlulayo, waba ngowabo.
16. Wathabatha ezingutyeni zakho; izigànga wazenzela iintente ezirhwexu, wahenyuza phezu kwazo; into ebe ingafanele kuza, ebe ingafanele kubakho.
17. Wathabatha iimpahla zakho zokuhomba zegolide yam, nezesilivere yam endakunikayo, wazenzela imifanekiso engamadoda, wahenyuza nayo.
18. Wathabatha iingubo zakho ezimfakamfele, wayigubungela ngazo; neoli yam nesiqhumiso sam wasibeka phambi kwayo.
19. Isonka sam endakunikayo, nomgubo ocoliweyo, neoli, nobusi, izinto endakudlisayo zona, wazibeka phambi kwayo, ukuba zibe livumba elithozamisayo. Kwaba njalo; itsho iNkosi uYehova.
20. Wathabatha oonyana bakho neentombi zakho, owazizalela mna, wabingelela ngazo kuyo ukuba idle. Bebubuncinane na ke ubuhenyu bakho,
21. ukuba nje ubasike oonyana bam, ubanikele ngokubacandisa bona emlilweni ngenxa yayo?
22. Emasikizini akho onke, nasebuhenywini bakho, akuyikhumbulanga imihla yobuncinane bakho, oko ubuze kanye, ugqushagqusha egazini lakho.
23. Kwaza kwathi, emva kwezo nto zakho zonke ezimbi (yeha! yeha ke wena! itsho iNkosi uYehova),