15. Wesuka wena wakholosa ngobuhle bakho, wahenyuza ngenxa yodumo lwakho; ubuhenyu bakho wabuthululela phezu kwabo bonke abadlulayo, waba ngowabo.
16. Wathabatha ezingutyeni zakho; izigànga wazenzela iintente ezirhwexu, wahenyuza phezu kwazo; into ebe ingafanele kuza, ebe ingafanele kubakho.
17. Wathabatha iimpahla zakho zokuhomba zegolide yam, nezesilivere yam endakunikayo, wazenzela imifanekiso engamadoda, wahenyuza nayo.
18. Wathabatha iingubo zakho ezimfakamfele, wayigubungela ngazo; neoli yam nesiqhumiso sam wasibeka phambi kwayo.
19. Isonka sam endakunikayo, nomgubo ocoliweyo, neoli, nobusi, izinto endakudlisayo zona, wazibeka phambi kwayo, ukuba zibe livumba elithozamisayo. Kwaba njalo; itsho iNkosi uYehova.