Uhezekile 14:13-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Nyana womntu, xa ilizwe lithe lóna kum lameneza ngobumenemene, ndasolula isandla sam phezu kwalo, ndawaphula kulo umsimelelo osisonka, ndathumela kulo indlala, ndanqumla kulo umntu nenkomo;

14. ekho phakathi kwalo la madoda omathathu, ooNowa noDaniyeli noYobhi, wona abeya kuhlangula owawo umphefumlo kuphela ngobawo ubulungisa; itsho iNkosi uYehova.

15. Ndingafanelana ndicandisa amarhamncwa ezweni, alihlutha abantwana, kwaba senkangala kulo, akwabakho unokucanda kulo ngenxa yamarhamncwa lawo;

16. ekho phakathi kwalo loo madoda omathathu: ndihleli nje, itsho iNkosi, ebengayi kuhlangula nanyana nantombi; ebeya kuhlanguleka odwa; ke bekuya kuba senkangala ezweni elo.

17. Nokuba ndithe ndalizisela ikrele elo lizwe, ndathi ikrele malicande kwelo lizwe, ndanqamla kulo umntu nenkomo;

18. ekho phakathi kwalo loo madoda omathathu: ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, ebengàyi kuhlangula nyana nantombi; ngokuba ebeya kuhlanguleka wona odwa.

19. Nokuba ndithe ndathumela indiyikitya yokufa kwelo zwe, ndathulula ubushushu bam phezu kwalo ngegazi, ukuze ndinqumle kulo umntu nenkomo;

20. bekho phakathi kwalo ooNowa noDaniyeli noYobhi: ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova bebengàyi kuhlangula nyana nantombi; bona bebeya kuhlangula owabo umphefumlo kuphela ngobabo ubulungisa.

Uhezekile 14