13. Nyana womntu, xa ilizwe lithe lóna kum lameneza ngobumenemene, ndasolula isandla sam phezu kwalo, ndawaphula kulo umsimelelo osisonka, ndathumela kulo indlala, ndanqumla kulo umntu nenkomo;
14. ekho phakathi kwalo la madoda omathathu, ooNowa noDaniyeli noYobhi, wona abeya kuhlangula owawo umphefumlo kuphela ngobawo ubulungisa; itsho iNkosi uYehova.
15. Ndingafanelana ndicandisa amarhamncwa ezweni, alihlutha abantwana, kwaba senkangala kulo, akwabakho unokucanda kulo ngenxa yamarhamncwa lawo;
16. ekho phakathi kwalo loo madoda omathathu: ndihleli nje, itsho iNkosi, ebengayi kuhlangula nanyana nantombi; ebeya kuhlanguleka odwa; ke bekuya kuba senkangala ezweni elo.