11. ukuze indlu kaSirayeli ingabi sandwendwa imke ekundilandeleni kwayo; bangabi sazenza iinqambi ngezikreqo zabo zonke; babe ngabantu bam, ndibe nguThixo wabo; itsho iNkosi uYehova.
12. Kwafika kum ilizwi likaYehova, lisithi,
13. Nyana womntu, xa ilizwe lithe lóna kum lameneza ngobumenemene, ndasolula isandla sam phezu kwalo, ndawaphula kulo umsimelelo osisonka, ndathumela kulo indlala, ndanqumla kulo umntu nenkomo;
14. ekho phakathi kwalo la madoda omathathu, ooNowa noDaniyeli noYobhi, wona abeya kuhlangula owawo umphefumlo kuphela ngobawo ubulungisa; itsho iNkosi uYehova.
15. Ndingafanelana ndicandisa amarhamncwa ezweni, alihlutha abantwana, kwaba senkangala kulo, akwabakho unokucanda kulo ngenxa yamarhamncwa lawo;
16. ekho phakathi kwalo loo madoda omathathu: ndihleli nje, itsho iNkosi, ebengayi kuhlangula nanyana nantombi; ebeya kuhlanguleka odwa; ke bekuya kuba senkangala ezweni elo.
17. Nokuba ndithe ndalizisela ikrele elo lizwe, ndathi ikrele malicande kwelo lizwe, ndanqamla kulo umntu nenkomo;
18. ekho phakathi kwalo loo madoda omathathu: ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, ebengàyi kuhlangula nyana nantombi; ngokuba ebeya kuhlanguleka wona odwa.
19. Nokuba ndithe ndathumela indiyikitya yokufa kwelo zwe, ndathulula ubushushu bam phezu kwalo ngegazi, ukuze ndinqumle kulo umntu nenkomo;
20. bekho phakathi kwalo ooNowa noDaniyeli noYobhi: ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova bebengàyi kuhlangula nyana nantombi; bona bebeya kuhlangula owabo umphefumlo kuphela ngobabo ubulungisa.