1. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
2. Nyana womntu, profeta uchase abaprofeti bakwaSirayeli abaprofetayo, uthi kwabaprofeta okwentliziyo yabo, Liveni ilizwi likaYehova.
3. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yeha ke, abaprofeti abanobudenge, abalandela owabo umoya, nento abangayibonanga!
4. Baba njengeempungutye emanxuweni abaprofeti bakho, Sirayeli.
5. Aninyukanga niye emathutyeni, niyibìyele ngodonga indlu kaSirayeli, ukuze nakhe uluhlu lokulwa ngomhla kaYehova.
6. Babona into ekhohlakeleyo nokuvumisa okungamanga, abo bathi, Útsho uYehova; uYehova engabathumanga, ukanti balinda ukuqiniswa kwelo lizwi.
7. Anibonanga mbono wankohlakalo na, nakuvumisa okungamanga na, nisithi nje, Utsho uYehova; ndíngathethanga mna?
8. Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa yokuba nithethe into ekhohlakeleyo, nibona amanga, ngako oko, yabonani, ndinichasile; itsho iNkosi uYehova.
9. Isandla sam sichasa abaprofeti ababona into ekhohlakeleyo, bavumise amanga. Àbayi kubakho ekucweyweni kwabantu bam, bangàbhalwa encwadini yomlibo wendlu kaSirayeli, bangàngeni emhlabeni wakwaSirayeli; názi ukuba ndiyiNkosi uYehova.
10. Ngenxa yokuba, ewe, ngenxa yokuba bebandwendwisile abantu bam, besithi, Luxolo, kungekho luxolo; bathi, bakwakha udonga bona, yabona, abayá balutyabeka ngodaka oluhlephukayo: