17. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
18. Nyana womntu, wòsidla isonka sakho ungcangcazela, uwasèle amanzi akho ugungqa, unesithukuthezi.
19. Wòthi ke kubantu belizwe, Itsho iNkosi uYehova ngokusingisele kubemi baseYerusalem, emhlabeni wakwaSirayeli, ukuthi, Isonka sabo bosidla benesithukuthezi, bawasele amanzi abo bemangalisiwe; ukuze ezweni labo kube senkangala, ingabikho inzaliseko yalo ngenxa yogonyamelo lwabo bonke abahleli kulo.
20. Yoba ngamanxuwa imizi emiweyo, kube senkangala elizweni; názi ukuba ndinguYehova.
21. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
22. Nyana womntu, úyintoni na lo mzekeliso ninawo emhlabeni wakwaSirayeli, wokuthi, Imihla iyoluka, iyadaka imibono yonke?
23. Ngako oko yithi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kuwenza uphele lo mzekeliso, bangabi sazekelisa ngawo kwaSirayeli; ke, yithi kubo, Isondele imihla, nesiphelo semibono yonke.
24. Ngokuba akuyi kuba sabakho namnye umbono okhohlakeleyo, nokuvumisa okucengacengayo, phakathi kwendlu kaSirayeli.
25. Ngokuba ndinguYehova, ndiya kuthetha; ilizwi endisukuba ndilithetha liya kwenzeka, lingayi kulibala; ngokuba ngemihla yenu, ndlundini ineenkani, ndithetha ilizwi, ndilenze; itsho iNkosi uYehova.
26. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
27. Nyana womntu, yabona, indlu kaSirayeli ithi, Umbono awubonayo yena lo, ngowemihla emininzi; úprofetele amaxesha akude.
28. Ngako oko yithi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Akayi kuba salityaziswa onke amazwi am; ilizwi endisukuba ndilithetha liya kwenzeka; itsho iNkosi uYehova.