Uhezekile 11:1-2 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wandifunqula uMoya, wandisa esangweni lendlu kaYehova langasempumalanga, elibheke empumalanga; nanko, ekungeneni kwesango, kukho amadoda engamashumi amabini anamahlanu. Ndabona phakathi kwawo uYazaniya unyana ka-Azure, noPelatiya unyana kaBhenaya, abathetheli babantu.

2. Wathi kum, Nyana womntu, ngawo la amadoda acinga inkohlakalo, aceba amacebo amabi kulo mzi;

Uhezekile 11