11. Ekuhambeni kwazo zahamba zaya kumacala azo omané; àzajikeleza ekuhambeni kwazo; ngokuba apho sukuba leyo iphambili ibe ibheka khona, zibe ziyilandela, zingajikelezi ekuhambeni kwazo.
12. Ke umzimba wazo wonke, nomhlana wazo, nezandla zazo, namaphiko azo, neevili, zibe zizele ngamehlo ngeenxa zonke; zoné bezineevili zazo.
13. Iivili ezo zabizwa ezindlebeni zam, kwathiwa, ziivili ezijikelezayo.
14. Inye ibe inobuso obuné: ubuso bokuqala ibubuso bekerubhi, ubuso besibini ibubuso bomntu, obesithathu ibubuso bengonyama, obesiné ibubuso bokhozi.
15. Zenyuka iikerubhi; yilaa nto iphilileyo, ndayibonayo emlanjeni oyiKebhare.
16. Ekuhambeni kweekerubhi zahamba iivili ecaleni lazo; nasekuwaphakamiseni kweekerubhi amaphiko azo, ukuba zisuke emhlabeni, azijikanga neevili zazo zimke ecaleni lazo.
17. Ekumeni kwazo zema nazo; ekusukeni kwazo ukuba ziphaphazele, zesuka nazo; ngokuba umoya wento ephilileyo ube ukho kuzo.
18. Baphuma ke ubuqaqawuli bukaYehova, bemka emnyango wendlu, beza kuma phezu kweekerubhi.
19. Iikerubhi zawaphakamisa amaphiko azo, zasuka emhlabeni emehlweni am; ekuphumeni kwazo iivili zazingakuzo. Zema eku ngeneni kwesango lendlu kaYehova elisempumalanga, ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli buphezu kwazo ngaphezulu.
20. Yilaa nto iphilileyo, ndayibonayo phantsi koThixo kaSirayeli emlanjeni oyiKebhare; ndazi ke ukuba ziziikerubhi.