Uhezekile 10:10-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Ngokubonakala kwazo zoné bezimfani-nye, kwanga kukho ivili ngaphakathi kwevili.

11. Ekuhambeni kwazo zahamba zaya kumacala azo omané; àzajikeleza ekuhambeni kwazo; ngokuba apho sukuba leyo iphambili ibe ibheka khona, zibe ziyilandela, zingajikelezi ekuhambeni kwazo.

12. Ke umzimba wazo wonke, nomhlana wazo, nezandla zazo, namaphiko azo, neevili, zibe zizele ngamehlo ngeenxa zonke; zoné bezineevili zazo.

13. Iivili ezo zabizwa ezindlebeni zam, kwathiwa, ziivili ezijikelezayo.

14. Inye ibe inobuso obuné: ubuso bokuqala ibubuso bekerubhi, ubuso besibini ibubuso bomntu, obesithathu ibubuso bengonyama, obesiné ibubuso bokhozi.

15. Zenyuka iikerubhi; yilaa nto iphilileyo, ndayibonayo emlanjeni oyiKebhare.

16. Ekuhambeni kweekerubhi zahamba iivili ecaleni lazo; nasekuwaphakamiseni kweekerubhi amaphiko azo, ukuba zisuke emhlabeni, azijikanga neevili zazo zimke ecaleni lazo.

17. Ekumeni kwazo zema nazo; ekusukeni kwazo ukuba ziphaphazele, zesuka nazo; ngokuba umoya wento ephilileyo ube ukho kuzo.

Uhezekile 10