14. Izinto eziphilileyo bezigidima zibuye, ngokokubonakala kokuphambaphamba kombane.
15. Ndazibona izinto eziphilileyo; nanko ke, kukho iivili emhlabeni, ecaleni kwezinto eziphilileyo, zinganye iivili kubuso ngobuso bazo obuné.
16. Ukubonakala kweevili nokusetyenzwa kwazo kwakunjengembonakalo yekrizolite,* zimfaninye zoné; ukubonakala kwazo nokusetyenzwa kwazo kungathi ivili ingaphakathi kwevili.
17. Ekuhambeni kwazo zaphambela kumacala azo omané; azajika ekuhambeni kwazo.
18. Iifeleni zazo beziphakamile, bezisoyikeka; iifeleni zazo bezizele ngamehlo ngeenxa zonke kuzo zoné.
19. Zakuhamba izinto eziphilileyo, zahamba nazo iivili ecaleni lazo; zakusuka izinto eziphilileyo emhlabeni, zasuka nazo iivili.
20. Apho sukuba usiya khona umoya, zaya apho sukuba umoya ubusiya khona; zasuka iivili kunye nazo; ngokokuba umoya wezinto eziphilileyo ubukho ezivilini ezo.
21. Zakuhamba, zahamba nazo; zakuma, zema nazo; zakusuka emhlabeni, zasuka iivili kunye nazo; ngokokuba umoya wezinto eziphilileyo ubukho ezivilini ezo.
22. Naphezu kweentloko zezinto eziphilileyo bekukho into efana nesibhakabhaka, ngathi ngembonakalo yikristale* eyoyikekayo, sanekiwe phezu kwentloko yazo ngaphezulu.
23. Ngaphantsi kwesibhakabhaka amaphiko ayethe tye, elo lasinga kwelo; iyileyo inamabini ayigubungeleyo, iyileyo inamabini ayigubungeleyo emzimbeni.
24. Ndeva ke isandi samaphiko azo, sinjengesandi samanzi amaninzi, ngathi lilizwi loSomandla, ekuhambeni kwazo; izwi elinengxolo ngathi sisandi somkhosi; zakuma, zawayeka ehla amaphiko azo.
25. Kwabakho ke izwi liphuma ngaphaya kwesibhakabhaka, esibe siphezu kweentloko zazo; zakuma, zawayeka ehla amaphiko azo.
26. Ngaphezu kwesibhakabhaka esibe siphezu kweentloko zazo, kwabonakala umfanekiselo wetrone, wanga lilitye lesafire;* ngaphezu komfanekiselo wetrone kwabakho umfanekiselo ongathi yimbonakalo yomntu phezu kwayo ngaphezulu.
27. Ndabona ke, ngathi yimbonakalo yegolide evuthiweyo, ngathi yimbonakalo yomlilo, ngaphakathi kwayo nangeenxa zonke kuyo, kwathabathela embonakalweni yesinqe kwenyusa; kwathabathela embonakalweni yesinqe kwehlisa, ndabona ke ngathi yimbonakalo yomlilo, kumhlophe ke ngeenxa zonke.