12. Zahamba ke, iyileyo yaya kwicala elikhangelene nobuso bayo; apho sukuba ubusiya khona umoya, zaya khona; azajika ekuhambeni kwazo.
13. Imfano yezinto eziphilileyo ezo, imbonakalo yazo, ibingathi ngamalahle omlilo abasiweyo; ibingathi yimbonakalo yezikhuni ezitshangazayo; wona wahambahamba phakathi kwezinto eziphilileyo ezo; umhlophe ke umlilo lowo, emlilweni kuphuma imibane.
14. Izinto eziphilileyo bezigidima zibuye, ngokokubonakala kokuphambaphamba kombane.
15. Ndazibona izinto eziphilileyo; nanko ke, kukho iivili emhlabeni, ecaleni kwezinto eziphilileyo, zinganye iivili kubuso ngobuso bazo obuné.
16. Ukubonakala kweevili nokusetyenzwa kwazo kwakunjengembonakalo yekrizolite,* zimfaninye zoné; ukubonakala kwazo nokusetyenzwa kwazo kungathi ivili ingaphakathi kwevili.
17. Ekuhambeni kwazo zaphambela kumacala azo omané; azajika ekuhambeni kwazo.
18. Iifeleni zazo beziphakamile, bezisoyikeka; iifeleni zazo bezizele ngamehlo ngeenxa zonke kuzo zoné.
19. Zakuhamba izinto eziphilileyo, zahamba nazo iivili ecaleni lazo; zakusuka izinto eziphilileyo emhlabeni, zasuka nazo iivili.
20. Apho sukuba usiya khona umoya, zaya apho sukuba umoya ubusiya khona; zasuka iivili kunye nazo; ngokokuba umoya wezinto eziphilileyo ubukho ezivilini ezo.
21. Zakuhamba, zahamba nazo; zakuma, zema nazo; zakusuka emhlabeni, zasuka iivili kunye nazo; ngokokuba umoya wezinto eziphilileyo ubukho ezivilini ezo.
22. Naphezu kweentloko zezinto eziphilileyo bekukho into efana nesibhakabhaka, ngathi ngembonakalo yikristale* eyoyikekayo, sanekiwe phezu kwentloko yazo ngaphezulu.
23. Ngaphantsi kwesibhakabhaka amaphiko ayethe tye, elo lasinga kwelo; iyileyo inamabini ayigubungeleyo, iyileyo inamabini ayigubungeleyo emzimbeni.
24. Ndeva ke isandi samaphiko azo, sinjengesandi samanzi amaninzi, ngathi lilizwi loSomandla, ekuhambeni kwazo; izwi elinengxolo ngathi sisandi somkhosi; zakuma, zawayeka ehla amaphiko azo.