Uhezekile 1:1-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku, ngomnyaka wamashumi omathathu, ngenyanga yesiné, ngolwesihlanu usuku enyangeni leyo, ndakubon' ukuba ndiphakathi kwabathinjiweyo ngasemlanjeni oyiKebhare, avuleka amazulu, ndabona imibono kaThixo.

2. Ngolwesihlanu enyangeni leyo (ingumnyaka ke wesihlanu wokuthinjwa kokumkani uYehoyakin lowo),

3. kwafika ilizwi likaYehova kuHezekile unyana kaBhuzi, umbingeleli, ezweni lamaKaledi, ngasemlanjeni oyiKebhare; saba phezu kwakhe apho isandla sikaYehova.

4. Ndabona ke, nanko kusiza umoya ovuthuzayo, uvela ngasentla, unelifu elikhulu nomlilo obumbeneyo njengembumbulu, nobumhlophe obungeenxa zonke kulo, obuphuma ngaphakathi kwawo, bubonakala ngathi yigolide evuthiweyo emlilweni phakathi.

5. Ngaphakathi kwawo yimfano yezinto eziphilileyo eziné. Nantsi ke imbonakalo yazo:

6. zibe zinemfano yomntu; inye ibinobuso obuné, inye kuzo apho ibinamaphiko amané.

7. Imilenze yazo ibiyimilenze ethe nkqo; umphantsi weenyawo ubunjengomphantsi wenqina lethole; zidangazela zibonakala ngathi lubhedu olubengezelisiweyo.

8. Zazinezandla zomntu ngaphantsi kwamaphiko azo emacaleni azo omané; zoné ke zinobuso namaphiko;

9. amaphiko azo abehlangene, elaleyo nelaleyo; bezingajiki ekuhambeni kwazo, bezihamba, iyileyo iye kwicala elikhangelene nobuso bayo.

10. Imfano yobuso bazo ibe ibubuso bomntu; zinobuso bengonyama zoné ngasekunene; zinobuso benkomo zoné ngasekhohlo, zinobuso bokhozi zoné;

11. ubuso bazo namaphiko azo abe ahlukene ngaphezulu; iyileyo inamabini ehlangene nawaleyo, namaphiko amabine ke egubungele imizimba yazo.

12. Zahamba ke, iyileyo yaya kwicala elikhangelene nobuso bayo; apho sukuba ubusiya khona umoya, zaya khona; azajika ekuhambeni kwazo.

13. Imfano yezinto eziphilileyo ezo, imbonakalo yazo, ibingathi ngamalahle omlilo abasiweyo; ibingathi yimbonakalo yezikhuni ezitshangazayo; wona wahambahamba phakathi kwezinto eziphilileyo ezo; umhlophe ke umlilo lowo, emlilweni kuphuma imibane.

14. Izinto eziphilileyo bezigidima zibuye, ngokokubonakala kokuphambaphamba kombane.

15. Ndazibona izinto eziphilileyo; nanko ke, kukho iivili emhlabeni, ecaleni kwezinto eziphilileyo, zinganye iivili kubuso ngobuso bazo obuné.

16. Ukubonakala kweevili nokusetyenzwa kwazo kwakunjengembonakalo yekrizolite,* zimfaninye zoné; ukubonakala kwazo nokusetyenzwa kwazo kungathi ivili ingaphakathi kwevili.

Uhezekile 1