Uhabhakuki 2:10-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Ùyicebele ihlazo indlu yakho, ngokunqamla izizwe ezininzi; wònile kumphefumlo wakho.

11. Ngokuba ilitye eliseludongeni liya kukhala, nomqadi womthi usabele kulo.

12. Yeha ke, owakha umzi ngamagazi, oqinisa umzi ngobugqwetha!

13. Yabona, akuphumi kuYehova wemikhosi na ukuthi izizwe zizixhamlele umlilo, izizwe zizityhafisele okulambathayo?

14. Kuba ihlabathi liya kuzala kukwazi ubuqaqawuli bukaYehova, njengamanzi egubungele ulwandle.

15. Yeha, wena useza ummelwane wakho, usongezelela ubushushu bakho kuye, umnxilisa nokumnxilisa, ukuze ubondele ubuzé bakhe!

Uhabhakuki 2