7. koonyana bakaElam nguYeshaya unyana ka-Ataliya, enamadoda amashumi asixhenxe:
8. koonyana bakaShefatiya nguZebhadiya unyana kaMikayeli, enamadoda amashumi asibhozo;
9. koonyana bakaYowabhi nguObhadiya unyana kaYehiyeli, enamadoda angamakhulu amabini aneshumi elinesibhozo;
10. koonyana bakaShelomiti ngunyana kaYosifiya, enamadoda alikhulu elinamanci mathandathu;
11. koonyana bakaBhebhayi nguZekariya unyana kaBhebhayi, enamadoda amashumi mabini anesibhozo;
12. koonyana baka-Azegadi nguYohanan unyana kaHakatan, enamadoda alikhulu elineshumi linye;
13. koonyana bokugqibela baka-Adonikam abamagama angala: nguElifelete, noYehiyeli, noShemaya, benamadoda amashumi mathandathu;
14. koonyana bakaBhigwayi ngu-Utayi, noZabhudi, enamadoda amashumi asixhenxe.
15. Ndabahlanganisela emlanjeni ongumAhava; samisa khona imihla yamithathu. Ndabagqala abantu nababingeleli, andafumana khona namnye woonyana bakaLevi.
16. Ndathumela ukuba kubizwe ooEliyezere, noAriyeli, noShemaya, noElinatan, noYaribhi, noElinatan, noNatan, noZekariya, noMeshulam, abaziintloko; noYoyaribhi noElinatan, abaqondisi-mthetho.
17. Ndabasusa baya kuIdo, oyintloko endaweni eyiKasifiya; ndabeka amazwi emlonyeni wabo, ukuba bathethe wona kuIdo nabazalwana bakhe, abakhonzi betempile, endaweni eyiKasifiya, ukuba basizisele abalungiseleli bendlu kaThixo wethu.