Uezra 8:34-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

34. zanikelwa ngokwenani ngokulinganiselwa kwezinto zonke; konke ukulinganiselwa kwabhalwa ngelo xesha.

35. Oonyana basemfudusweni, abo babephume ekuthinjweni, basondeza amadini anyukayo kuThixo kaSirayeli: iinkunzi ezintsha zeenkomo zalishumi elinambini, ngenxa yamaSirayeli onke, neenkunzi zeegusha zamashumi asithoba anantandathu, neemvana zamashumi asixhenxe anesixhenxe, neenkunzi zeebhokhwe zedini lesono zalishumi elinambini; zonke zaba lidini elinyukayo kuYehova.

36. Bayinikela imithetho yokumkani kwiirhuluneli zokumkani, nakumabamba nganeno koMlambo;* abo babanceda abantu, nendlu kaThixo.

Uezra 8