Bathi ke, ngokwesandla sikaThixo wethu esilungileyo esiphezu kwethu, babazìsa kuthi ooIshi-sekele koonyana bakaMahali, unyana kaLevi, unyana kaSirayeli; noSherebhiya, noonyana bakhe nabazalwana bakhe, ishumi elinesibhozo;