13. koonyana bokugqibela baka-Adonikam abamagama angala: nguElifelete, noYehiyeli, noShemaya, benamadoda amashumi mathandathu;
14. koonyana bakaBhigwayi ngu-Utayi, noZabhudi, enamadoda amashumi asixhenxe.
15. Ndabahlanganisela emlanjeni ongumAhava; samisa khona imihla yamithathu. Ndabagqala abantu nababingeleli, andafumana khona namnye woonyana bakaLevi.
16. Ndathumela ukuba kubizwe ooEliyezere, noAriyeli, noShemaya, noElinatan, noYaribhi, noElinatan, noNatan, noZekariya, noMeshulam, abaziintloko; noYoyaribhi noElinatan, abaqondisi-mthetho.
17. Ndabasusa baya kuIdo, oyintloko endaweni eyiKasifiya; ndabeka amazwi emlonyeni wabo, ukuba bathethe wona kuIdo nabazalwana bakhe, abakhonzi betempile, endaweni eyiKasifiya, ukuba basizisele abalungiseleli bendlu kaThixo wethu.