9. Oonyana bakaZakayi ibingamakhulu asixhenxe, anamancimathandathu.
10. Oonyana bakaBhani ibingamakhulu amathandathu, anamanci mané anababini.
11. Oonyana bakaBhebhayi ibingamakhulu amathandathu, anamanci mabini anabathathu.
12. Oonyana baka-Azegadi ibiliwaka elinamakhulu amabini, anamanci mabini anababini.
13. Oonyana baka-Adonikam ibingamakhulu amathandathu, anamanci mathandathu anabathandathu.
14. Oonyana bakaBhigwayi ibingamawaka amabini, anamanci mahlanu anabathandathu.
15. Oonyana baka-Adin ibingamakhulu amané, anamanci mahlanu anabané.
16. Oonyana baka-Atere kaHezekiya ibingamashumi asithoba anesibhozo.
17. Oonyana bakaBhetsayi ibingamakhulu amathathu, anamanci mabini anabathathu.
18. Oonyana bakaYora ibilikhulu elineshumi elinababini.
19. Oonyana bakaHashum ibingamakhulu amabini, anamanci mabini anabathathu.
20. Oonyana baseGibhare ibingamashumi asithoba anabahlanu.
21. Oonyana baseBhetelehem ibilikhulu, elinamanci mabini anabathathu.