50. oonyana baka-Asna, oonyana bakaMehunim, oonyana bakaNefusim,
51. oonyana bakaBhakebhuki, oonyana bakaHakufa, oonyana bakaHar-hure,
52. oonyana bakaBhatseluti, oonyana bakaMehida,
53. oonyana bakaHarsha, oonyana bakaBharkose, oonyana bakaSisera, oonyana bakaTama,
54. oonyana bakaNetsiha, oonyana bakaHatifa.
55. Oonyana babakhonzi bakaSolomon: oonyana bakaSotayi, oonyana bakaSoferete, oonyana bakaPeruda,
56. oonyana bakaYahala, oonyana bakaDarkon, oonyana bakaGidele,
57. oonyana bakaShefatiya, oonyana bakaHatili, oonyana bakaPokerete-tsebhayim, oonyana baka-Ami.
58. Bonke abakhonzi betempile, noonyana babakhonzi bakaSolomon, ibingamakhulu amathathu, anamanci asithoba anababini.
59. Ngaba abenyuka, bevela eTele-mela, naseTele-harsha, naseKerubhi-adan-imere; ke ababanga nakuzixela izindlu zooyise, nembewu yabo, ukuba ngabakwaSirayeli na:
60. oonyana bakaDelaya, oonyana bakaTobhiya, oonyana bakaNekoda, babengamakhulu omathandathu anamanci mahlanu anababini.
61. Ke koonyana bababingeleli: oonyana bakaHabhaya, oonyana bakaHakotsi, oonyana bakaBharzilayi (owazeka umfazi ezintombini zikaBharzilayi waseGiliyadi, wabizwa ngegama lazo),